Image for IiDanaso, IiDayimani neDemokhrasi

IiDanaso, IiDayimani neDemokhrasi

See all formats and editions

Iasteroid ebukhulu bulingana neNtaba yeTafi le yawela kwindawo ekunamhlanje nje ebizwa ngokuba nguMzantsi Afrika kwiminyaka eziibhiliyoni ezimbini eyadlulayo, yaza ngoko ke yaphawula le ndawo.

Ukusuka ngoko imbali yeli lizwe yomelela kwaye yanobungangamsha obungaphaya.

Le incwadi ikusa ngqo kuloo mzuzu, kanye ekuqalekeni kwezo ngqaqa zegolide, ukuza kuthi ga ekuqalekeni kwedemokrasi, into apha eyamangalisa ihlabathi jikelele. Xa uphendla le ncwadi uza kuhlangana nezinye zeedayinaso zakudaladala ezarekhodishwayo, uza kuhlangana nabantu bokuqala ngqa kwiplanethi iphela, kwakunye neenkcubeko zokuqala ngqa apha ehlabathini.

Uza kubona abangeneleli bengena kweli lizwekazi kwakunye nefuthe labo ekuguqukeni kwembali yeli: abazingeli nabaqokeleli, abalimi nabafuyi, abasebenzi besinyithi abasuka emantla, kwakunye neembacu nabafudukeli abasuka eYurophu naseAsia.

Bonke aba bantu babesilwa kodwa balumilisela noxolo, bahlangana nedayimane kunye negolide bengalindele, baqaqamba ekwenzeni izinto-yinto baza batshona dzwabha phantsi kwengcinezelo, de ngenye imini bafola bebonke ngokulinganayo ukuze benyule urhulumente oza kubafaka kule nkulungwane yeminyaka yamashumi amabini ananye njengesizwe sedemokrasi. Eli libali eliqaqanjiswe ziidayinaso, iidayimane kunye nedemokrasi.

Read More
Available
£6.50
Add Line Customisation
Available on VLeBooks
Add to List
Product Details
Penguin
1415209529 / 9781415209523
eBook (EPUB)
19/06/2017
Xhosa
144 pages
Copy: 10%; print: 10%